

AUGUST
OKUNGAPHAKATHI

AMANQAKU AZIIMBALASANE
14 Ndililela ilizwe LaseMzantsi-Afrika, utsho umprofethi uCredo Mutwa
18 Simothulela Umnqwazi uMadiba - Ikhapteni YamaBhokobhoko
20 Bayanda Abantwana Abangoonongogo
24 UHarry Gwala Waphila Wafela Abantu
26 Ukunyangwa Simahla Kwenza Iingxaki Ezibhedlele
30 Kuyonwabisa Ukusebenza Neenyoka
32 ICapital Radio Iphindele Kuhlobo Lwayo Lomculo
54 Ukwenza Ikhabhathi
66 Iveki Yokunyamekela Amazinyo
70 Ngaba Abasetyhini Kufuneka Bahlawule Isondlo
72 Ukhuseleko Luqa1a Ekhaya
74 Isavoury Tart Elu1a
75 IBona/Rama Womens Club Iyeza eTakastad
76 Bekuthethwa Ngokunika Amagunya Abasetyhini
78 Bhaka ngeFlawa Eziphambili
80 Iiresipi Ezilingiweyo Zavavanywa
82 Ku1unga Nanini Na
84 Abaphumelelayo Banoncumo Oluphumelelayo
86 ISta-Soft Sithe Gqi Nenye Imveliso
88 Abaphumelele ngeLemon Lite
94 Amandla Entyatyambo
96 Khawulinge Ezi Zinxibo Zilula
134 Ukhwankqise Abaphulaphuli
138 Iithayile Zilunga Nanini, Naphi na!
156 Iyaphendu1wa Imibuzo Yakho yevasi
156 Isaziso Sokhuphiswano lakwaJohnson & Johnson

IFASHONI , EZEMPILO NOBUHLE

98 Thengela Usapho kwa-Ackermans
100 Amanyathelo Amathathu Olusu Oluhle
102 Ubuhle Obupheleleyo
104 Okwasentwasahlobo
110 Okunxitywa Mhla Uzonwabele
114 Yekela Umlingo weBlack Magic Uzenze Zibe Ntle Iinwele Zakho
118 Olona Nyango Lweenwele Zakho

EZEMIDLALO
44 UDonald Waxhoma Esikolweni Ngenxa Yebhola
47 Imanyene Imibutho Yemid1a1o ENatal
50 Bayantinga Abadlali Ababini beKickboxing
52 UMandela Ulamla Kwingxubakaxaka YeNSL

EZOLONWABO
123 UMichelle Gayle Linenekazi Elinomahluko
124 Kuvunjululwe Ubuqhetseba Emculweni ETanzania
126 Dibana NoThomas Chauke Ikumkani Yomculo WesiShangane
130 Iplayhouse Izuza Inkxaso

EZOLUTSHA
144 IPET Iza Kuzivula Iingqondo Zolutsha
147 Ulutsha Luyacebisa
153 Ikamva Likwezolimo

IBALI LEMIFANEKISO 
174 Uxway' impindezelo - Isiqendu 2

EZABANTWANA
158 Faka Imibala kwiKiddies Mix
158 Amalungu eKiddies Mix
162 Zuzani i-R50 Niphucule NesiNgesi Senu ngeFunword Yethu
162 Intsomi kaMakaz' uBarbara

UKHUPHISWANO NEZIPHO
40 Ukhuphiswano lwePoster YeImana
58 Ukhuphiswano lweKoo/Bona Ubuntu
89 Ukhuphiswano LakwaLemon Lite
90 Isipho Sokugqojozwa Kweendlebe SakwaInverness
121 Isipho Sobuhle Nempilo
135 Zuza Imoto Ngokhuseleko Ezind1eleni
164 IBona Word Puzzle No 171
167 Naba Abaphumelele kwiWord Puzzle Yethu

OKUBAKHO RHOQO
6 Izwi Elivela KuMhleli Omkhulu
10 Iincwadi Eziya KuMhleli
28 Apha Naphaya
59 Abafundi BeBona
60 Umcebisi WeBona
64 USista Lindiwe
132 Okwenzeka Kwiqonga Lomculo
137 Zenzele Umhlobo
168 Isazi-mthetho seBona
170 UGqirha Sipho
170 Amacebiso Empilo
188 Okuxelwa Ziinkwenkwezi Zakho
219 Abafana

Kufote uDuif Du Toit ( weThe Star )






ABANTWANA ABANGOONONGOGO  INGXAKI ENTSHA
EMZANTSI-AFRIKA
Kwiphepha lama-20 nelama-21 kolu shicilelo, sikhuphe iifoto ezikhwankqisayo zamantombazana aselula aphila ngokuthengisa imizimba yawo emadodeni azizinhanha embindini weJohannesburg . La mantombazana asemancinane kangangokuba amanye aneminyaka eli-12, kodwa anolwazi olupheleleyo ngobomi bokuhlala ezitratweni , yaye akukho mntu unokuwafundisa into entsha!
Xa ebesichazela izinto ezifunwa ngabaxumi bawo kwindibano yesondo, siye saqonda ukuba sisenzo esimanyumnyezi esingafanelanga samkelwe luluntu esi!
Khawufan'ucinge xa indoda enesidima -ingakumbi etshatileyo - ithenga ukuba nendibano yesondo nomntwana oneminyaka eli-12. Zayaphi iimvakalelo zobuzali nokuziphatha kakuhle? Ngaba kukukhanuka isondo ngokugqithisileyo okunjani oku?
Aba bantwana babeka impilo nokhuseleko lwabo esichengeni ngokuvuma ukuthathwa ngabantu abangabaziyo bahambe nabo ngeemoto . Badla ngokuthathwa basiwe kwiikona ezimnyama, apho bafika basetyenziswe kakubi ngokwesondo kwizitulo zangasemva zeemoto , baze bahlawulwe imali encinane okanye balaxazwe bengafumananga nepeni emdaka besazi ukuba akukho mntu banokucela uncedo kuye.
Njengoko isifo seAIDS sifike ngamand1a, aba bantwana baza kusinwenwiswa okomlilo wedobo. Siyathemba ukuba uMongameli Mandela noKumkani Goodwill Zwelithini baza kulifunda eli nqaku, ukuze bazame ukuyisombulula le ngxaki kumaphulo abo abantwana yaye bawuphelise ngokukhawuleza lo mkhwa mbi. Abantwana bethu baxabiseke gqitha ukuba bangaphila ngokuthengisa ngemizimba yabo. Makwenziwe iinzame zokuwunqanda lo mkhwa.
De kube lixesha elizayo, ndiyathemba ukuba niza kulubona lukufanele ukufundwa olu shicilelo, kwaye lunamanye amanqaku onwabisayo.

NguDAIZER MQHABA (UMHLELI OMKHULU)





10 BONA- AUGUST 1995
OZUZE I-R50 !
INKQATHO KUKHUPHISWANO LWE-SHELL ROAD TO FAME
Ndingumfundi wasepitoli owenza unyaka wesithathu kwizifundo zomculo, yaye bendimenywe nabanye abafundi ukuba siyoncedisa abagwebi kukhuphiswano lweShell road to fame . Siye samangaliswa kukuba singaziswa kubagwebi bolu khuphiswano nakukungahlaliswa kunye nabo. Thina besihleli nabantu abebezobukela. Bebebabini abagwebi, omnye wabo ndiyazi ukuba ungumdanisi walapha. Ndiye ndathi nqa ukuba angathini umntu ongumdanisi abe ngumgwebi kukhuphiswano lomculo. Ndiqaphele nokuba abagwebi abakhange babhale nto tu phantsi xa bekuqhubeka ukhuphiswano ngokungathi bebesazi kwakuqala ukuba ngubani oza kuphumelela. Siye sahlala sabukela izinto ezahlukeneyo ebezisenziwa ngabebengenele ukhuphiswano, kodwa into ebuhlungu kukuba abakhange baphumelele abantu abebefanele baphumelele. Ngabagwebi kuphela abaziyo ukuba babakhethe njani abaphumeleleyo. Kodwa thina siwufundeleyo umculo, asivumelani nezigqibo zabo. Isidanisile indlela oluqhutywe ngayo yaye kubekho inkqatho kwiziphumo. Kwabebefanele baphumelele kodwa abaphumelela, ndithi kubo: Qhubekani nomsebenzi omhle! Ningatyhafi! NguP.S. ePitoli .


WAYEFANELE
UKUGXOTHWA
UWINNIE
Ndibhekise ebantwini abagxeka ukugxothwa kukaWinnie Mandela kuRhulumente woManyano Lwelizwe. Wakhetha ukuzithi pahaha esidlangalaleni izikhalazo zakhe endaweni yokuba azitsho ePalamente , waba ke uhlaza urhulumente ngaloo ndlela. Uhambo lwakhe lokuya eNtshona yeAfrika ngaphandle kwemvume nentetho yakhe yokugxeka ukuchithwa kwemali kutyelelo lukaQueen Elizabeth II, zezinye izinto ebezihlaza urhulumente. Ngokugxeka urhulumente, ubegxeka ubunkokeli bobefudula eyindoda yakhe. uMongameli Nelson Mandela.
NguE.C.R., eDaveyton .

LUTHANDO
OLUBALULEKILEYO,
ASIYOMALI
Injongo yokuhlawulwa kwelobola kukudibanisa iintsapho ezimbini. Kudala abantu babelobola ngeenkomo, iigusha, njalo-njalo. Kule mihla ukulobola kwaba ziindleko ezinkulu. Kwenzeka ntoni xa indoda ingenayo ilobola efunwa ngabazali bentombi efuna ukuyitshata? Ngaba oko kuthetha ukuba abantu ababini abathandanayo kufanele bohlukane? Luthando oludibanisa abantu ababini, asiyomali .
NguS.J.M., eGiyani.

AWUNAKUPHUMELELA EBOMINI XA UNGAFUNDANGA
Ndingumfundi owenza iBanga lesiXhenxe yaye ndingatsho ukuba ndiqhuba kakuhle gqitha kuba ndizimisele kwizifundo zam. Abantu abaninzi abazange balifumane ithuba lokufunda, kanti abanye bafunda ebusuku kuba beqonda ukubaluleka kwemfundo. Baninzi abantu abangafundanga abangamkeli imivuzo eyaneleyo ukuba baziphilise neentsapho zabo. Kukuni ke lutsha lwaseMzantsi-Afrika, fundani ukuze nibe nengomso eliqaqambileyo.
nguP.S.N.


NDIYAWATHANDA
AMAKHASI EZOLUTSHA
Ndiyawathanda amakhasi ezolutsha kwimagazini yenu yaye ndinqwenela ukunicebisa ngezinto ezimbalwa ukuze niwaphucule. Ndifuna nibhale ngeeklabhu zolutsha yaye kungaba mnandi xa iiklabhu ezahlukeneyo zinokuqhagamshelana.
Siyavuya nakukuba nisikhuphele iidilesi zeeklabhu zolutsha zonke iinyanga.
NguM.N., eHoughton .

Njengoko unokuba sewufundile, ziinjongo zethu ukuqhagashelana nazo zonke iiklabhu zolutsha ezikweli lizwe ngeBona Teenage Club



UBOMI BELOKISHI ngokubhalwa nguSydney CHAMA
Abantu abanxilileyo bayathanda ukusondela kakhulu xa bethetha nabantu abanganxila nga.





14 BONA XHOSA AUGUST 1995

La mazwi atshiwo ngumfo owaProfetha kwatsho kwenzeka nyhani ukufa kukaHF .
Verwoerd ngo-1966; udushe lwaseSoweto
Ngo-1976; ukususwa esikhundleni kukaLucas Mangope noOupa Gqozo, yaye ezinye izinto aziprofethileyo zenzekile. UMIKE MTAKATI uphengulula iziprofetho ezimangalisayo zomprofethi owaziwayo, uCredo Mutwa...


Kufote abeMass MEDIA MARKETING , IMVO neefoto ezindala zeBONA.
Izinto ezixelwe apha zicatshulwe kwincwadi ethi The Voice In The
Wilderness eshicilelwe ngabakwaNU METRO (ngo-1993)




 Ndiyakukhalela Gqr. Nelson Mandela. Ulime isitiya,
kodwa uza kuba ungekho xa sekuvunwa iziqhamo
zaso eziqaqambileyo obucinga ukuba uyazityala!
Le yimigca yokuqala yezinto eziprofethwa nguCredo
Mutwa ngelizwe loMzantsi-Afrika, iAfrika nehlabathi. Ezi
eziprofetho uzenze ebutsheni buka-1993.


UGqr. Mangosuthu Buthelezi uthotywe isidima wathukwa kuthotho lweentlanganiso abe nazo neenkokeli zeminye imibutho yepolitiki . Apha ubonakala (ekhohlo) kunye noKumkani Goodwill Zwelithini, uMongameli Nelson Mandela noSekela-mongameli de Klerk



"Ndiyakulilela Gqr. Mandela. Ulime isitiya, kodwa uza kube ungekho xa kuvunwa iziqhamo eziqaqambileyo obucinga ukuba uyazityala!" Ku-de Klerk yena uthi, ingomso olakhayo liza kukutshabalalisa, likuthobe isidima, alizukukhusela!


"Ndiyakukhalela Nkosi yam, Mntwana wakwaPhindangene, Mangosuthu Buthelezi. Uya kugxekwa phambi kwehlabathi nabantu bakho! AmaZulu kuza kuthiwa aziintshaba zoxolo yaye amaninzi aza kufa."
"Awu Gqozo, nkokeli yaseCiskei , kutheni ndikubona uhleli esiseleni
sentolongo esimnyama?" utsho uCredo engathi umangalisiwe. uCredo ongathi uyaphupha uhambisa athi: Thixo khusela uMongameli Mangope. Wakha ilizwe elihle, kodwa ngoku ndibona iflegi yalo ilele phantsi, inyathelwa ngeenyawo ngootsotsi nangababulali. Kutheni? Constand Viljoen, ngaba ligazi lakho eli ndilibonayo kwixesha elifu-


Ulumke kwinto oyenzayo, Nomzamo. Iintshaba ezitshabalalisa ilizwe lethu ayizizo ezaseMzantsi-Afrika. Wagxothwa ngenxa yokutsho kwamanye amazwe namajelo eendaba. Athi uyamhlaza uMongameli Mandela onesidima esihle



4 BONA XHOSA - August 1995

6 BONA XHOSA - August 1995

10 BONAXHOSA- August 1995

10 BONAXHOSA- August 1995

14 BONAXHOSA- August 1995 
Awu Gqozo,Nkokeli yaseCiskei , kutheni ndakubona usesiseleni esimnyama? UGqozo wabhukuqwa waza wabanjwa ngokuhamba kwexesha etyholwa ngokuthubelezisa idayimani . Okunye naye ngumkakhe, uCorinthian . NDILILELA UMZANTSI-AFRIKA OMTSHA - UCREDO MUTWA;

		BONA XHOSA - August 1995 15

